ICoronaVirus Kwindawo Esihlala Kuyo
Yintoni Esimele Siyenze Xa Sisiva Ukuba Kukho Umntu Onesifo Secoronavirus Ekuhlaleni?
Simele:
- Mhlambi sifonele lo ntsapho ukuba siyazana nayo sibonise inkxaso sidlulisele iminqweno emihle size sibancede baqine
- Sihoye eyethu intsapho ngokuthi sihlale ekhaya ngalo lonke ixesha ngaphandle kokuba kufuneka siyokuthenga into etyiwayo, siyopeya igranti, sisiya kwaGqirha okanye eKliniki.
- Sinxibe iimaski kwaye siqinisekise ukuba onke amalungu entsapho yethu nawo anxiba iimaski xa siphuma emakhaya. Silandele isikhokelo sokunxiba, sokuphatha nesokuhlamba iimaski.
- Sisebenzise isanitizer ezifumaneka ezi teksini,nakwivenkile ukuze sicoce iizandla zethu kwaye siqinisekisa ukuba wonke umntu entsatsheni wenza into efanayo.
- Siqinisekise ukuba oonoteksi kunye nonovenkile bathobela imithetho malunga nokugcina umtyhi phakathi kwabantu,kwaye asizisebenzisa iiteksi kunye neevenkile ezingawuthobeliyo lo mthetho.
- Sihlambe izandla zethu ngesepha namanzi kangange mizuzwana eyi-20 xa sibuya, kwaye siqinisekisa ukuba wonke umntu entsatsheni wenza okufanayo
- Sisebenzisane kunye namaqela askrinayo eSebe LezeMpilo namanye amagosa asemthethweni aze kusinceda
- Sizame ukutya okusempilweni kuquka ifruthi eninzi kunye nevegi
- Silime eyethu ifruthi nevegi ukuba kunokwenzeka,sizifuyele ezethu iinkuku nemfuyo.
Asimele:
- Sityelele okanye siyokubuthela iintsapho
- Sisondelelane de sibambane nalo naliphina ilungu lentsapho ( okanye abanye abantu) ukuba sibabona eteksini okanye edolophini
- Sibeke amabala umntu ngokuza nesifo ekuhlaleni
- Sithethe kakubi ngalomntu nentsapho yakhe
- Simeme okanye sicele ukubuthelwa nguye nabani na, ngaphandle kokuba liqela elisuka kwiSebe LezeMpilo kwaye lize ngokuzo kuskrina